2026 Janyuwari 31, Mgqibelo
Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.
2026 Janyuwari 30, Lwesihlanu
Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,sihlala sijonge kuwe;
umnqweno neqhayiya lethu nguwe.
2026 Janyuwari 29, Lwesine
Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.2026 Janyuwari 28, Lwesithathu
Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”2026 Janyuwari 27, Lwesibini
Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.
2026 Janyuwari 26, Mvulo
Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.2026 Janyuwari 25, Cawe
Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.2026 Janyuwari 24, Mgqibelo
Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
2026 Janyuwari 23, Lwesihlanu
Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.2026 Janyuwari 22, Lwesine
Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu.
2026 Janyuwari 21, Lwesithathu
Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!
2026 Janyuwari 20, Lwesibini
Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.2026 Janyuwari 19, Mvulo
Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”2026 Janyuwari 18, Cawe
Thandazani ke ngoko nina nithi:“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’
2026 Janyuwari 17, Mgqibelo
Kwakulawula umthetho kaMosis nezibhalo zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana.2026 Janyuwari 16, Lwesihlanu
Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!2026 Janyuwari 15, Lwesine
Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.
2026 Janyuwari 14, Lwesithathu
Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.2026 Janyuwari 13, Lwesibini
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.2026 Janyuwari 12, Mvulo
Mfo wam, ndingonwaba kakhuluxa ingqondo yakho idlamkile.
2026 Janyuwari 11, Cawe
Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.2026 Janyuwari 10, Mgqibelo
Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.2026 Janyuwari 9, Lwesihlanu
Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.
2026 Janyuwari 8, Lwesine
Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.2026 Janyuwari 7, Lwesithathu
Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.2026 Janyuwari 6, Lwesibini
Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.
2026 Janyuwari 5, Mvulo
Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.2026 Janyuwari 4, Cawe
Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?2026 Janyuwari 3, Mgqibelo
Mna ndiya kuxhamla inkululeko,kuba ndihamba ngemimiselo yakho.
2026 Janyuwari 2, Lwesihlanu
Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.2026 Janyuwari 1, Lwesine
Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu oxunela ubulungisa nencebaufumana ubomi nobulungisa nodumo.Ivesi elandelayo!