DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

EKAYAKOBI 5

  • Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.
  • Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
  • Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela