- Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni!
- Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.
- Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.
- Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.” - Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.
- Kaloku nizelwe ngelizwi likaThixo ophilayo, ongunaphakade, naba ngabantwana balowo ungasoze afe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuzalwa ngokutsha
Akuba umntu emanywe noKrestu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Uvuko
Waza wathi kuye uYesu...
iPasika
Isithunywa sathi kubafazi abo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
UThixo olizwi ndilidumisayondikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.Ivesi elandelayo!