- Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
- Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
- Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.
- Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.
- Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ukuzalwa ngokutsha
Akuba umntu emanywe noKrestu...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Ubungcwele
Xa ke kanti, mawethu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.Ivesi elandelayo!
