- Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.
- Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
- Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
- Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo.
- Nanjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.” - Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi. - Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?
- Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.
- Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.
- Wona angumqondiso owalatha ubhaptizo olusindisa nina ngoku. Ubhaptizo alukuko ukuhlanjwa kokungcola komzimba, lusisithembiso esenziwa kuThixo ngomxhelo wonke. Lusindisa ngamandla okuvuka kukaKrestu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ubuhle
Awumhle ngako, sithandwa sam!...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...