- Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.
- Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.
- Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.
- Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.
- Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.Ivesi elandelayo!
