- Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.
- UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.
- Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.
- Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.
- Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
iSabatha
Hlala uwukhumbula uMhla wokuPhumla...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Isohlwayo
Mfo wam, musa ukuyidela...
Phumla
Yizani kum, nina nonke...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge uNdikhoyo!Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”Ivesi elandelayo!
