- Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi uNdikhoyo,
kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.
Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,
ndibophe abantliziyo zingamahlwili,
ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,
ndazise inkululeko kumabanjwa. - Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
Izihloko ezinxulumeneyo
UMhlawuleli
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Inkululeko
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...
Ubuhlwempu
UYesu wathi kuye: “Ukuba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”Ivesi elandelayo!
