DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

2 KWABASEKORINTE 12

  • Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.
  • Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela