DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UISAYA 61:10

Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
UISAYA 61:10 - XHO96

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela