- Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;
igama lakho ndolibonga nanini nanini. - Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki. - UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo. - UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.
Izihloko ezinxulumeneyo
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Dumisani
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
USomandla
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndikhoyo, wena unguThixo wam;ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.Ivesi elandelayo!
