- Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe. - Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Kambe ke wena, Nkosi,
unguThixo onenceba nesisa.
Wena ucaphuka kade,
uphuphuma uthando nokunyaniseka.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ukufunda
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!
