- Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.
- Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye, ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo, mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.
- Ke yena uYesu unikwe ububingeleli obuphakamileyo kunobabo. Kanti ke nomnqophiso awuzakuzelayo phakathi koThixo nabantu ukwamkhulu, ngenxa yokubaluleka kwezithembiso osekelwe phezu kwazo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Umnqophiso
Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!
