- Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
- Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.” - UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
- Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ingqondo
Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.Ivesi elandelayo!
