- Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
- Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.
- Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.
- Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubizo
Asinini enanyula mna, ndim...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.Ivesi elandelayo!
