DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

1 YEZIGANEKO 29

  • Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
    naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
    Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
    kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
    Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
    uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
  • Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;
    wena ungumlawuli weento zonke.
    Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.
    Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.
  • Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela