DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UISAYA 1

  • Khanizicoce nibe nyulu!
    Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
    yekani ukwenza izinto ezinje;
    mandingaze ndiphinde ndizibone.
  • Khanifunde ukwenza okusesikweni;
    zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
    Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
    kanti neenkedama zilungiseleleni;
    ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.
  • Ewe, uNdikhoyo uthi:
    “Yizani, khe sithetha-thethane.
    Noba sewudyobheke wankone sisono,
    mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
    kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
    mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela