- Naku okona kuzila ndikufunayo:
Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
bakhululwe bonke abacinezelwa,
niyaphule idyokhwe yengcinezelo. - UNdikhoyo ke uthi:
“Ukuba nithe ke nawuhlonela uMhla wokuPhumla,
nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,
xa nithe nawulangazelela lo mhla,
ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,
ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,
niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,
uNdikhoyo ke uya kunonwabisa,
animise nasezintabeni,
nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuzila ukutya
Ngoko ke sazila sakhunga...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
iSabatha
Hlala uwukhumbula uMhla wokuPhumla...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe.Ivesi elandelayo!
