- Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,
nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
Imini ixelela imin' elandelayo,
nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo. - Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko. - Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela. - Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,
amazwi am neengcamango zentliziyo yam,
wena mkhuseli wam nomkhululi wam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe.Ivesi elandelayo!
