- Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.
Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –
isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude. - Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale. - Iintsimbi ziyalolana;
ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana. - Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubuhlobo
Umhlobo unothando ngamaxesha onke...
Ingqondo
Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.Ivesi elandelayo!