- IZAFOBE 1
- IZAFOBE 2
- IZAFOBE 3
- IZAFOBE 4
- IZAFOBE 5
- IZAFOBE 6
- IZAFOBE 7
- IZAFOBE 8
- IZAFOBE 9
- IZAFOBE 10
- IZAFOBE 11
- IZAFOBE 12
- IZAFOBE 13
- IZAFOBE 14
- IZAFOBE 15
- IZAFOBE 16
- IZAFOBE 17
- IZAFOBE 18
- IZAFOBE 19
- IZAFOBE 20
- IZAFOBE 21
- IZAFOBE 22
- IZAFOBE 23
- IZAFOBE 24
- IZAFOBE 25
- IZAFOBE 26
- IZAFOBE 27
- IZAFOBE 28
- IZAFOBE 29
- IZAFOBE 30
- IZAFOBE 31
- Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho. - Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho. - Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini. - Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo. - Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi. - Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile. - Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo. - Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa. - Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda. - Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...