- Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!
Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam! - Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!
Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako. - Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,
uze udle ubomi iminyaka emininzi. - Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo. - Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho. - Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi. - Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,
nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho. - Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo. - Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,
ukuze ihambo yakho iqiniseke. - Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;
unyawo lwakho malubucezele ububi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.Ivesi elandelayo!