DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

IZAFOBE 3

  • Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
    koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
    Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
    ikwandisele iminyaka noxolo.
  • Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
    Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
    Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
    Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
    ube negama elihle kuThixo nasebantwini.
  • Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
    ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
    Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
    waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.
  • Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
    ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
    Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
    atsho omelezeke amathambo akho.
  • Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
    ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.
  • Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
    ungasicekisi isiluleko sakhe.
    Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
    kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.
  • Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
    nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.
  • Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
    ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.
  • Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
    ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
    Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
    kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.”

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela