- Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda. - Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo. - Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,
ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.
Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ngokungenatyala
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayonabo bathembe izibele zenceba yakhe.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!
