- Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda. - Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo. - Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,
ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.
Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ngokungenatyala
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!
