- Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina. - Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni. - Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,
ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha. - Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha. - Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;
kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga. - Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa. - Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono. - Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela. - Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha. - Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,
kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo. - Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile. - Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi. - Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni. - Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi. - Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.Ivesi elandelayo!