- Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko. - Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,
kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo. - Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni. - Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi. - Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo. - Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo. - Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukuhleba
Umntu onobugwenxa udala ingxabano...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.Ivesi elandelayo!