- Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;
kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa. - Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;
kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa. - Ikratshi liphembelela ingxabano;
ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso. - Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda. - Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi. - Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;
ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.Ivesi elandelayo!
