- Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;
ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide. - Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi. - Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile. - Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;
nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ubudlelwane
Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ukumoyika uThixo
Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!
