- Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,
kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi. - Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya. - Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo. - Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala. - Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,
kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela. - Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!
Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene. - Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukumoyika uThixo
Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi...
Ubulali
Bazeleleleni bonke abantu. INkosi...
Umsindo
Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.Ivesi elandelayo!
