- Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho. - Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo
kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama. - Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe. - Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva. - Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo. - Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni. - Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo. - Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
Izihloko ezinxulumeneyo
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ukucwangcisa
Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...
Umsebenzi
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.Ivesi elandelayo!
