- Abazukulwana libhongo lookhokho,
kanti ke igugu labantwana ngabazali. - Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;
amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu. - Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo. - Umhlobo unothando ngamaxesha onke;
ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo. - Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni. - Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;
kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ubuhlobo
Umhlobo unothando ngamaxesha onke...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!
