- Abazukulwana libhongo lookhokho,
 kanti ke igugu labantwana ngabazali.
- Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;
 amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.
- Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
 kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.
- Umhlobo unothando ngamaxesha onke;
 ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.
- Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
 kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
- Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;
 kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ubuhlobo
Umhlobo unothando ngamaxesha onke...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.Ivesi elandelayo!
