- Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono. - Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;
amazwi akhe ambizela ukubethwa. - Amazwi entlebendwane ayanambitheka;
ahla kamnandi athi ngcoo embilinini. - UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde. - Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;
kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla. - Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
ke lona udumo lukhokelwa yintobeko. - Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni
phatha umngena-ndlwini xa uya kubo. - Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto. - Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;
ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo. - Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;
kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
Ukuhleba
Umntu onobugwenxa udala ingxabano...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.Ivesi elandelayo!
