- Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.
- Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa.
- Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.
- Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”
Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo. - Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge. - Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni. - Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,
ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge. - Ngamathuba obumnandi yonwaba;
ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.
Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva. - Njengoko ungayazi indlela yomoya,
ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,
kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke. - Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Umsebenzi
Nayiphi na into eniyenzayo...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
Ubudlelwane
Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini...
