- Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho.
- Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge. - Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,
ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?
Kuphela uyitya ngamehlo! - Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
umka engaphathanga nto ngesandla sakhe. - Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.
- Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ukubawa
Umntu oyinyolukeleyo imali soze...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
Umsebenzi
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ukwamkela
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!