- Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.
- Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo, zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.
- Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.
- Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Ukufunda
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Umsebenzi
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!
