- Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
- Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
- Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.
- Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukukhathazeka
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo...
Ubuthathaka
Ndanelisekile ke ngoko nokuba...
Usizi
Uyaweva amalungisa akuzibika kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,soze ahlukane nayo naxa selekhulile.Ivesi elandelayo!
