DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

1 KUTIMOTI 1

  • Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta, nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
  • Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.
  • Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela