- Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta, nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
- Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.
- Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.Ivesi elandelayo!
