- Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.
- Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.
- Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.
- Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.
- Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.
- Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.
- Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.
- Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.
- Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.
- Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukubawa
Umntu oyinyolukeleyo imali soze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Mbonge uNdikhoyo, moya wam!Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!Ivesi elandelayo!
