- Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.
- Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
- Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.
- Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.
- Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.
- Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.
- Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.
- Athembekile la mazwi athi:
 “Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.”
- Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
- Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Umsebenzi
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
