- Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.
- Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.
- Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.
- Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.
- UThixo wanibiza ngeendaba ezimnandi esazishumayelayo kuni; wanibiza ukuze nifumane isabelo kubuqaqawuli beNkosi yethu uYesu Krestu.
- Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala. Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
Inguqu
Ke kaloku thina sonke...
Ukulandela
Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Unyana osisilumko ulibhongo likayise,ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.