- Hlala uwukhumbula uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.
- Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.
- Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.
- Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
iSabatha
Hlala uwukhumbula uMhla wokuPhumla...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukubawa
Umntu oyinyolukeleyo imali soze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!