- Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi. - Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna. - NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuxhomekeka
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ukhuthazo
NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!
