DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

KUMAGALATI 3

  • Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?
  • Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.
  • Kodwa ke iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
  • Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.
  • KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela