- Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.
- Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
- Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.
- Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.
- UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
- Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.
- Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.
- Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.
- Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.Ivesi elandelayo!