- Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.
- Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
- Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.
- Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
- Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.
- Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.
- Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.
- Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.
- Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umtshato
Umntu ofumene umfazi uzuze...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndikhoyo, wena unguThixo wam;ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.Ivesi elandelayo!