- Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
- Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.
- Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo.
- Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.
- Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.
- Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.
- Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.
- Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ukulunga
Ndaweni yaloo nto yenzelanani...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Umonde
Umntu onomonde uba nengqiqo...
Uluntu
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;ndilondoloze ngenceba nenyaniso.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!
