- Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.
- Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.
- Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.
- Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya.
- Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.
- Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.
- Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.
- Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe.
- Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.
- Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda.
- Kunjengoko neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.”
- Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umtshato
Umntu ofumene umfazi uzuze...
Ubudlelwane
Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Obo bulumko ke buvela kuNdikhoyo uSomandla-onke;kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,
ngenene yena ubalasele ngobulumko.