- Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
- Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
- Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.
- Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
- Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.
- Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!
- Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
- Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.
- Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.
- Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Uxolo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.Ivesi elandelayo!
