- Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
- Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.
- Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.
- Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
- Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.
- Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.
- Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala. - Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.
- Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.
- Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umbulelo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Umsebenzi
Nayiphi na into eniyenzayo...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...